
UMGQEKRU
20 March 2024Lo ngumqulu oluhlobo ngokubhalwa ngu-Avuyile Qhinga
Lo ngomnye wemiqulu epapashwe yiNKUTHALO MEDIA (PTY) LTD
Kungexesha lobunzima kuSigqibo eshiywe ngabazali bakhe. Ngonyaka we1987 wazimanya ngeqhina lomtshato nentombi yaseLady Frere, kuNdonga. Baze balizwa ngabantwana ababini abangamadodana, uMalwa noMight. USigqibo ingumyeni olunge kakhulu kuNtinti, babonwabe ngendlela emangalisayo nenkosikazi yakhe. Amajingiqhiwu omhlaba abohlukanisa ngendlela engaginyisi mathe. Ngala mhla anyuselwa ngawo uSigqibo emsebenzini, kwathi kanti wonyuselwa nasemashweni akhe. UVezinyani, ongumcuphi ongavelanga kakhulu apha ebalini, ingumntu nje obuza lo mibuzo imbalwa, afune into eselwayo, igrangqa ke ukutsho. Naye uVezinyawo wamdobelela uSigqibo mhla kungentsunguzi yobumnyama
UAvuyile Qhinga NguMpondo, uNyawuza, uFaku, uNgqungqushe, uKhathula, uNongingi, uCetywayo, uMsize. Uzalwa nguMaMgcina, uTyhopho, uNokwindla. Uzalelwe kwilali yakuNdonga, eLady Frere, eCacadu. Wacakatha kulo umagada ahlabayo ngomhla we-9 kweyoMnga, ngonyaka we-1992. Ukhulele eLower Seplan kwaninakazi, emaKhumeni. Kulapho athe wafunda khona amabanga aphantsi eLower Seplan J.S.S. Uthinjwe yiCofimvaba, waya kufunda amabanga aphezulu kwilali yaseMncuncuzo kwisikolo iNcuncuzo S.S.S. Phantsi kotitshala wakhe wesiXhosa uNkosazana Njomba. Imfundo yakhe ephakamileyo waya kuyenza kwisiolo saseWalter Sisulu University, eMnonti.





