
UMGQEKRU
20 March 2024Inoveli ngokubhalwa nguMziyanda Siphiwo Vutula
Lo ngomnye wemiqulu epapashwe yiNKUTHALO MEDIA (PTY) LTD
Mandulo phaya inkwenkwana ethile kunye nomsakwayo babendwendwele uninakhulu wabo. Bathe xa babedlala apho kwezo fama, suka le nkwenkwana yabetha ihobe likamakhulu, lafa. Ekwazile ke umsakwayo, wathi ngenye imini xa kwakufuneka ehlambe izitya, wasebeza kumntakwabo, emxelela ukuba makazihlambe ngokwakhwe ukuba akenzi njalo uya kumxela kumakhulu. Iqhubekekileke lento, waphela unkabi lo sele esetyenziswa ngumsakwabo, eyeka eyakhe imisebenzi kuba esoyikisela ukubhuncwa ngumakhulu. Sinjalo ke nathi, sonke sithe gabhu esonweni, sisetyenziswa ngumtyholi ngenxa yokuswela kwethu ukuqonda. Olu Ncwadi lwenzelwe wena ukuze uvundle, ungavumeli uSathana adlale ngawe, nakubeni uThixo ekuxolele, wakwamkela. Apha ndijonge ndaphawula indlela isono esisenzakalisa ngayo, size sityhefe nobudlelane bethu kunye noThixo. Nakubeni kunjalo, uThixo oxoleleyo nguye osoloko ephuma ingqina ukuya kusikhangela. Kanjalo apha sityhile, sabonisa indlela uThixo akathala ngayo ngabantu bakhe bonke abadalileyo, amakhoboka, amahlwempu, iimfama, iziqhwala, iinkedama, abakhubazekileyo, izithulu, abahlolokazi, njalonjalo.Ukokugqibela; apha sithe satyhila, sabonisa indlela uThixo athe wasithabathela ngayo kuye sonke isono kunye nengcambu yaso, ngokuthi avume uNyana waKhe emnye okuphela kwamzeleyo atyunyuzwe ngenxa yesono esenza umsantsa phakathi komntu, abantu, kunye noThixo. Ngamafutshane bantakwethu, ndithi kuni apha isono masingasigqibi nokuba sele sixolelwe, imivumbo yaKhe mayingabiyinkcitho okanye ilize. Kolu Ncwadi ndibiza wonke umoni, ndisithi buya kuba sixolelwe ngemivumbo yaKhe.




